Isebe lezeMfundo eMpuma Kapa libambisene kunye necandelo elijongene nezeNzululwazi neZibalo elikhokhelwa nguMama uLulama Ntshaba, belibambe umsitho wemiboniso ngezakhono ezahlukahlukeneyo ingakumbi kwezeNzululwazi, ezoLimo ,ubuNjineneli, kunye nezifundo zeZibalo.
Injongo yale nkqubo kukukhuthaza abafundi ngeendlela zokuqhubeka nezifundo emva kwebanga leshumi (GR 12), nokukhuthaza abafundi abenza ibanga leshumi ukuze bafundiswe ukubaluleka kokukhetha kakuhle izifundo umntu azakuthi aqhubeke nazo nakwimfundo enomsila eYunivesithi.
Iholo yase Cofimvaba kwisikolo samabanga aphezulu (Cofimvaba High School), ibigcwele ime ngeembambo ngabafundi abasuka kwizikolo ezohlukeneyo zala ngingqi ukuza kuzimasa lo msitho wokuxhonxwa kwezakhono, kananjalo babonakalise uthakazelelo nomdla ongazenzisiyo kwiinkqubo zaseyunivesithi ezithe zathengiswa kubo ngabo bebemele amaziko ezikolo zemfundo ephakamileyo.
uOvayo Shumane nokwangunye uMfundi webanga leshumi nongumfundi kwisikolo I St.James kwintetha yakhe uthethe wenjenje "Ndiyavuya Kakhulu ndinochulumanco olungazenzisiso ngethuba esilinikwe liSebe lezeMfundo, sifunde lukhulu kwimiboniso yezakhono kwaye kum kutsho kwasa ngendlela endibona ngayo.Ngoku ndiyayazi into endizakuyifunda eyunivesithi ngenxa yalenkqubo yanamhlanje, ndiyabulela".
ISebe lizimisele ukuphucula nokukhuthaza imfundo kubafundi kananjalo lizakuthi gqolo ukuqinisekisa ukuba abafundi bayaxhonkxwa nkalo zonke ukwenzela ukuba kwakhiwe isizwe esiluqilima nesinolwazi oluphangalelelyo.