Imibhiyozo yokuwonga iitishala ezisebenze imini nobusuku, zizama ukuphucula izinga lemfundo, ibibanjelwe ePholelwa kunxweme lwase Sajonisi.
Ibiyinkungu nelanga ngomhla we 14 kweyoMdumba izikhakhamela zeSebe lezeMfundo nabaxhasi babucala bezemfundo bebambe umsitho wokuvuyisana nabafundisi ntsapho abadlale indima ekhethekileyo ekuphuculeni iziphumo zebanga leshumi kunyaka u2024.
Umphathi wesithili i OR Tambo Costal, ugqirha Peyana uvakalise uchulumanco olungahexiyo kuye wonke ubani othe waba nenxaxheba ekuzeni nokufunqula inqanaba le mfundo e -OR Tambo Costal.
"Sikhetha olu suku lomhla we 14 kweyoMdumba, olulusuku olwaziwa jikeleke njengosuku lothando. Sifuna nazi ukuba siyanithanda zitishala zethu kwaye siyazi ukuba nincame iintsapho zenu nazinikela emsebezini wokwakha ikamva labantwana bethu,asiyithathi kancinci loonto". Uthethe watsho umkhokheli wesithili ugqirha Peyana.
Ngethuba enika ingxelo ngesithili ukwa khankanye ukuba i OR Tambo Costal le ibe ifudula isesinye sezona zithili ziqhuba kakubi ephondweni. Ngenxa yentsebenziswano yabantu besisithili, bawe bevuka bephicotha ungenelelo ulunokufunqula umgangatho weMfundo.
Ungenelelo lwamaqumhru abucala,ukuzinikela kwee SGB's kunye nabanye abaxhasi bemfundo,ukuzimisela kwa bafundisi ntsapho kungunobangela wokuba makube siyabhiyoza kaloku nje.
Iitishala ezitshatsheleyo ziwongwe ngeembasa zika nokutsho nezatifikheti zenkuthazo.
Lo msitho uvalwe nge qhashu nezibiliboco kubhiyozelwa ukuphucuka nokufunquka kwezinga lemfundo yomntwana ontsundu.