Select Language


ISEBE LEZEMFUNDO LIWONGE OOMPONDO ZIHLANJIWE BABAFUNDISI-NTSAPHO EMPUMA KOLONI

Author: Pumzile Ludidi
Date: 27/08/2025

ISEBE LEZEMFUNDO LIWONGE OOMPONDO ZIHLANJIWE BABAFUNDISI-NTSAPHO EMPUMA KOLONI.

 

IMpuma Koloni ibambe umsitho wokuwonga iiTishala ezigqwesileyo ekufundiseni nasekuxhaseni abantwana bezikolo. 

Lo msitho ububanjelwe e Hemingways eMonti ngomhla wama 26 kule nyanga yeeNtyatyambo neeMbokodo zeli lizwe lethu (Amanina).

Masicaphule kwintetha ka MEC Gade-:

"SiliSebe lezeMfundo sinoxanduva lokuqisekisa ukuba imfundo ifikelela kuye wonke ubani, ehlelelekile engahlelelekanga."

Ilizwe lixhomekeke ekubeni iinkqubo zethu zeMfudo ziyakhawulelana na nemiceli mngeni esijongene nayo sililizwe.

IiTishala zaseMpuma Koloni umhla nezolo zimaphikana angenakuphikwa nase phiko eenzame zokuphucula ingqiqo nemfundo yabantwana bethu.

Kungeso sizathu siliPhondo sizingca kwaye singenamikhinkqi ukuwonga iiTishala zethu ezinkqenkqeza phambili ukufundisa nokuseka abantwana ezikolweni.

"Sithi maz'enethole kuni mathandazwe , nenza umsebenzi oqaphelekayo nobakuleke kakhulu."

Uququmbele watsho uMphathiswa ngethuba enika intetho yakhe yosuku.

Lo msitho uzinyaswe ziiNdwalultho kunye neZithwalandwe ezivela kwii nkalo-ngeenkalo. 

Ukanti uxhaswe ngothando ngamaqumrhu abucala. 

Masondle  iliso ngokutya kwalo kwimifanekiso.

 

 #SikhuthazaOotishala

#SixhasaAbantwana 

#AnationThatWorksForAll