iSebe lezeMfundo liququmbele inyanga yeKhala ngokubhiyozela ubomi buka Rholihlahla Mandela

Author: Pumzile Ludidi
Date: 04/08/2022

Iphondo iMpuma Koloni lelinye lamaphondo axhonkxe akhupha iinkokheli eziphume izandla ekulweni uRhulumente wobandlululo obufudula ukhokhelwe ngabantu abaMhlophe. 

Utata uRholihlahla Mandela ngomnye wamaqhawe alwa ngokuzinikezela ukuqinisekisa ukuba abantu abamnyama bafumana inkululeko.

Kungenxa yeso sizathu umhla wokuzalwa kwakhe (18th Julayi) uye wabekelwa bucala ukuze kubhiyozwe ngawo.Kananjalo ube lusuku lokukhathalela nokunceda abo bangenako ukuzinceda.

Mbombo zone kweli loMzantsi Afrika ngomhla we 18 kweyeKhala kuye kubekelwe bucala imizuzu engama 67 ukwenza imisebenzi yoBuntu nesisa.

Phantsi kwaloo mxholo iSebe lezeMfundo eMpuma Koloni linikezele ngeMiqamathiso (sanitory pads) kubantwana abakumgangatho wokuya exesheni kwisikolo iWinnie Madikizela Mandela Senior Primary School eMdantsane.

Akuphelelanga apho,iSebe likwanikezele ngeentlobo-ntlobo zezithole zemifuno kunye nemithi yeziqhamo neyemveli.

Ethethela iSebe lezeMfudo umququzeleli walo mbhiyozo nonguMphathi kwiSetyana elijongene neNkqubo (Special Programme Unit) uSelwyn Bruiners uthe,

" Namhlanje sinikezela ngale Miqamathiso ukukhusela isidima sababantwana bethu.  SiliSebe sinqwenela ukuba kungabikho mntwana uphoswa zizifundo ngenxa yokuba indalo isenza okwayo."

 

Kudlwabevu lwenthetho-nkuthazo yakhe uBruiners ugxininisile kwelithi kubalulekile ukuba isikolo sizityalele imifuno ukuze abantwana batye ukutya oku nezakha mzimba. 

Kananjalo ekhuthaza ukutyalwa kwemithi yemveli (indigenous trees) kuba inendima enkulu ekuphehleni imvula, kwaye ihlala iluhlaza unyak wonke.

Ngoncedo lwegosa lesebe lezaMahlathi,uLobo neNdalo esiNgqonngileyo (Forestry, Fisheries, and the Environment Affairs) uSiphiwo Mhle uthe abantwana kufuneka bafundiswe ukutyala imithi nemifuno.

#SixhasaAbantwana
# BonkeNgabethu
#siyazondla

This website uses cookies

This website uses cookies to improve user experience. By using our website you consent to all cookies in accordance with our Cookie Policy.

Powered by CookieJar

This website uses cookies

PRIVACY PREFERENCE CENTER

Cookies are small text files that are placed on your computer by websites that you visit. Websites use cookies to help users navigate efficiently and perform certain functions. Cookies that are required for the website to operate properly are allowed to be set without your permission. All other cookies need to be approved before they can be set in the browser.


You can change your consent to cookie usage at any time on our Privacy Policy page.
We also use cookies to collect data for the purpose of personalizing and measuring the effectiveness of our advertising.
For more details, visit the Google Privacy Policy.

Strictly necessary cookies


Performance cookies


Marketing cookies


Functional cookies


Analytic cookies


Powered by CookieJar