iSebe lezeMfundo Liphuhlisa isakhono solimo kubavelisi begadi ezikolweni

Author: Pumzile Ludidi
Date: 16 July 2022

Iphondo iMpuma Koloni liphondo elinobutyebi nobuhle bendalo apho ulimo nokufuya izezinye zezinto abazidla ngazo abemi balo.

Uninzi lwezikolo kweli phondo lumi kwiindawo ezinomhlana okuvumelayo ukuvelisa imifuno ngenxa yobukhulu bomhlaba.

Kungeso sizathu iSebe lezeMfundo lithabathe isigqibo sokuphuma iphulo ukuqinisekisa ukuba abalimi zigadi abasebenza ezikolweni bafumana uqeqesho oluse mgangathweni.

Bangaphezu kwekhulu elinamashumi amahlanu abasebenzi zigadi abaqeshwe liSebe lezeMfundo phantsi kwenkqubo kwiNkqubo yeMisebenzi yoLuntu eYongezelelweyo (Expanded Public Works Program/EPWP) kutsha nje.

Injogo yeSebe kukuncedisana nephulo lokondliwa kwabafundi ezikolweni ngento esiwa phantsi kwempulo (School Nutrition Program).

Kananjalo kukuncedisana nezikolo ukuze zikwazi ukuvelisa imifuno khona ukuze zingathengi yonke into edingekayo kwinkqubo yokondla abafundi ezikolweni (School Nutrition Programme).

Kutsha nje iSebe sele liqeqeshe abasebenzi zigadini abangaphezu kwamashumi alithoba.  Eli nyathelo lifezekiswa ngocedo oluvela kumagosa aqaqeqeshwe aphuma izandla kwezolomo nokufuya ephondweni ikwiZiko lokuQeqeshela uLimo iFort Cox Agriculture and Forestry Training Institute.

Olu qeqesho lokulima luthathe iveki abasebenzi zigadi bexhonxwa ngezakhono zokulima bechankcatha kula mabakaka alandelayo-: 

* ukuvelisa imifuno ekudidi oluphezulu.

* ukuhlola umhlaba

* ukukhetha izityalo ezilungelene nomhlaba waloo nginqi

* ukululima umhlaba

* amaxesha okutyala 

* ukuzenzela izithole njalo njalo...

Ethethela iSebe lezeMfundo umququzeleli woPhuhliso lwabalimi zigadi Nkosazana Yolanda Ngqeza uthe

eli liphulo lokuhlupheza abasebenzi zigadi ukuze babe nolwazi oluthe vetshe ngokuvelisa imifuno.

"Kanangalo olu lwazi siliSebe sinqwenela balusebenzise nase mizini yabo ukugxotha ikati eziko," uququmbele watsho.

ibe yimivuyo nemigcobo kweli ziko laseFort Cox abasebenzi bewogwa ngeziqinisekiso (Certificates) emva kokunyamekela uqesho kwezolimo.

#SiphuhlisaIzakhono

#SiqeqeshaAbasenzi

#BonkeNgabethu

#Siyazondla