ISebe lezeMfundo belisingathe umsitho wokunikezela ngezithuthi kwizikolo ezi 6

Author: Andiswa Mzizi-Dokolwana
Date: 09/09/2021

Isebe lezeMfundo kwiPhondo le Mpuma Koloni belisingathe umsitho wokunikezela ngenqwelo zithuthi kwizikolo ezithandathu zabafundi abaphila nenkubazeko kwiZiko iMandla Makupula Education Institute kwisixeko esimbaxa saseMonti namhlanje.

Ezi nqwelo zithuthi ziyinxalenye yezicwangciso zesebe ,ngenjongo zokuqinisekisa ukuba bonke abafundi kuquka nabo baphila ngenkubazeko banako ukuzuza ulwazi ukuze bafikelele kwizinto ezincedisana kunye nemfundo yabo jikelele.

Kulo msitho isebe belindwendwelwe ngu Sekela-Somlomo ephuma kwiNdlu Yowiso Mthetho yePhondo leMpuma Koloni, uMnumzana Mlibo Qhoboshiyane okwajongene neenkqubo zokuncedisana nabantwana abaphila ngenkubazeko ,othe wayinxalenye yokunikezela izithuthi ngokusesikweni kunye no Mphathiswa weli Sebe lezeMfundo uMnumzana Fundile Gade.

uMphathiswa Mnumzana Fundile Gade, ugxinisisile waqinisekisa ukuba,akuphelelanga kwinqwelo zodwa,ukubonakalisa ukuba uRhulumente uyazingca kwaye uyakhathala ngabafundi abaphila ngenkubazeko, zikhona izicwangciso ezikhoyo ezenziwayo lisebe, ukuphucula imfundo nemeko abantwana abaphila phantsi kwazo ezikolweni ngokuba bonke ngabethu. 

Izikolo ezithe zachongwa ekuzuzeni kwezinqwelo,ingakumbi izikolo zasezilalini apho kubanzima ukuba abantwana bafumane izithuthi zokuba fikisa ezikolweni zezi zilandelayo:-

-Lonwabo Special School

-Lingomsolethu Special School

-King Ndlovuyezwe Special School

-Manzabila School of Autism

-Nomvume School of Autism

-Mt Fletcher Special School.

Gallery (click to view)

Select Language


This website uses cookies

This website uses cookies to improve user experience. By using our website you consent to all cookies in accordance with our Cookie Policy.

Powered by CookieJar

This website uses cookies

PRIVACY PREFERENCE CENTER

Cookies are small text files that are placed on your computer by websites that you visit. Websites use cookies to help users navigate efficiently and perform certain functions. Cookies that are required for the website to operate properly are allowed to be set without your permission. All other cookies need to be approved before they can be set in the browser.


You can change your consent to cookie usage at any time on our Privacy Policy page.
We also use cookies to collect data for the purpose of personalizing and measuring the effectiveness of our advertising.
For more details, visit the Google Privacy Policy.

Strictly necessary cookies


Performance cookies


Marketing cookies


Functional cookies


Analytic cookies


Powered by CookieJar