iSebe leMfundo lichasa imibhiyozo yokubeka phantsi izixhobo zokubhala iimviwo

Author: Pumzile Ludidi
Date: 27/11/2024

ISebe lezeMfundo lePhondo leMpuma Koloni likhuphe isilumkiso esijolise kwimibhiyoze yabafundi yokukhupha iphepha ngokuzintyintya ngobhelu lomsele neziyobisi emva kokugqiba ukubhala iimviwo zokuphela konyaka.

Eli sebe lihambisa lithi likhuthaza abafundi ukuba bohlukane nemibhiyozo yokuzonwabisa ngomabila ebanda, nokuzirhaxa ngeziyobisi njengoko oko ilulwaphulo mthetho ngoko Mgaqo Siseko wokusetyenziswa kotywala ka 2023. 

SiliSebe lezeMfundo eMpuma Koloni siyigxeka kabukhali yonke imibhiyozo yokukhupha iphepha ethi yenziwe ngabafundi xa begqiba kubhala iimviwo.

Le mibhiyozo ivame ukuba neziphumo ezikrakra nezimasikizi njengoko abafundi begaxeleka ekuzirhaxeni ngotywala neziyobisi.  Sifuna bonke abafundi bakhuseleke kuba siyakhathala.

Ukugqiba ukubhala iimviwo linqanaba elibalulekileyo,ngoko ke singathanda ukuba bonke abafundi babekho xa sibhengeza iziphumo zebanga leShumi kweyo Mqungu kunyaka ozayo.

Ikamva lakho libalulekile.
#utywala mabume
#utywala mabulinde.

Select Language


This website uses cookies

This website uses cookies to improve user experience. By using our website you consent to all cookies in accordance with our Cookie Policy.

Powered by CookieJar

This website uses cookies

PRIVACY PREFERENCE CENTER

Cookies are small text files that are placed on your computer by websites that you visit. Websites use cookies to help users navigate efficiently and perform certain functions. Cookies that are required for the website to operate properly are allowed to be set without your permission. All other cookies need to be approved before they can be set in the browser.


You can change your consent to cookie usage at any time on our Privacy Policy page.
We also use cookies to collect data for the purpose of personalizing and measuring the effectiveness of our advertising.
For more details, visit the Google Privacy Policy.

Strictly necessary cookies


Performance cookies


Marketing cookies


Functional cookies


Analytic cookies


Powered by CookieJar